IHE Wiki

Govan Mbeki
Govan Mbeki

uBawo uGovan Archibald Mvuyelwa Mbeki wazalwa ngomhla we-9 kweyeKhala ngo 1910 eMpukane eNgqamakwe ezalwa yiNkosi uSikelewu Mbeki no Johanna Mahala. Wanaso neteketiso esithi "Oom Gov"

Ungutata ka Thabo Mbeki owayesakuba ngumongameli wo Mzantsi Afrika. UGovan litsha ntliziyo lomzabalazo noNelson Mandela, noWalter Sisulu, noRaymond Mhlaba kunye namanye amaqhawe avalelwa nawo esiqithini esibizwa nge Robben Island ngenxa yetyala lase Rivonia. Wavalelwa ngo 1963-1987.

Ulishiye eli ngo 2001 kweyeThupha 30 esemzini wakhe eBhayi.