FAIR and interactive data graphics from a scientific knowledge graph
Contents
I-Sulfur (okanye ui-sulphur) lilungu lekhemikhali. Isimboli okanye uphawu lwe-sulphur ngu-S, kwaye i-atomic number yayo ngu-16.
Ii-Properties
I-Sulphur ligaqa eliqanda ngombala neli- nonmetal. I-ethe-ethe ke le sulphur (ikroboka lula) kwaye ibubukhazikhazi be-crystalline. Itsha lula, itsho ikhuphe impongo yomsi we-sulphur dioxide oyityhefu. Inevumba elingacacanga. Ukuba iye yanyityilikiswa yaza yaboliswa ngokukhawuleza, yenza into efana ne-rubber ye-sulphur ebizwa ngokuba y"i-plastic sulfur". Izakuya isiya iphindela kwela bala layo liqanda ibe yinto ekroboka lula. Ayinyibiliki emanzini. Ivumba elaziwa ngokuba y"i-sulfur" livela kwi-hydrogen sulfide nakwezinye iikhemikhali ezifana kwanazo. Ezi sulfides zenzeka xa izinto zibola ngaphandle komoya.
Ii-Chemical compounds
Ii-sulphur compounds zizii-compounds zekhemikhali ezinee-sulphur ions. I-Sulphur iza ingeendlela ngeendlela: i-oxidation states oko kutsho i-oxidation iba kwezi zimo zilandelayo: -2 (i-hydrogen sulfide), +4 (i-sulfur dioxide, sulfites) ne +6 (sulfuric acid, sulfates) zizezona zixhaphakaileyo, nangona zikho ezinye imo ebakuzo i-oxidation.
I-Sulfur oxides
- I-Sulfur dioxide, yi-gas engenambala neyityhefu emandla, nesetyenziswa ukugcina ukutya ukuba kuhlale komile.
- I-Sulfur trioxide, intlobo ngeentlobo, ngamanye amaxesha izinto ezingamanzi, izinto ezikhathazayo neziyityhefu.
- I-Oleum, yi-sulfur trioxide enyibilika kwi- sulfuric acid
I-Sulfur acids
Umxube we-sulphur oxides namanzi
- I-Sulfurous acid, iyagungqa, kwaye ayinamandla
- I-Sulfuric acid, ayigunqi, yi-acid enamandla, inkoliso yayo isebetyenzisa i-chemical emva kwamanzi
- I-Hydrogen sulfate, i-ion yenzeka kuphela xa i-sulfuric acid ilahlekelwe yi-acidic proton enye
- I-Hydrogen sulfide, i-gas enevumba nengenamandla, iba-acidic xa inyibilikiswe emanzini.
I-Sulfides
Iityuwa ze-hydrogen sulfide
- I-Ammonium sulfide, isetyenziswa kwimibhobho encangathi kukungcola.
- I-Antimony trisulfide, isetyenziswa kwiintloko zematshisi ezi kuqhwithwa ngazo.
- I-Arsenic trisulfide, yi-arsenic compound engenabungozi bungakanani
- I-Barium sulfide, isetyenziswa ukwenza i- barium kwi-barium sulfate
- I-Bismuth(III) sulfide, yi-bismuth ore
- I-Iron sulfide, ifumaneka ngokwendalo njenge-pyrite
- I-Lead(II) sulfide, ifumaneka ngokwendalo njenge-galena
- I-Selenium disulfide, isetyenziswa kumafutha eenwele.
- I-Potassium sulfide, isebenza ngamanzi
- I-Silver sulfide, iyakrazuka xa ikwinto yesilivere
- I-Thallium(I) sulfide, ibhaqa into esemzimbeni
- I-Tin(II) sulfide, yi-solid okanye ligaqa elimdaka bumnyama ngebala
- I-Tin(IV) sulfide, igaqa legolide, "igolide eli-mosaic"
- I-Zinc sulfide, isetyenziswa kumaqam e-fluorescent
Ii-Sulfites
Iityuwa ze-sulfurous acid
- I-Sodium sulfite, isetyenziswa ukugcina ukutya komile.
- I-Potassium sulfite, isetyenziswa ukugcina ukutya kuhlaziyekile.
I-Sulfates ne-bisulfates
Iityuwa ze-sulfuric acid
- I-Alums, zonke
- I-Aluminium sulfate
- I-Ammonium sulfate, isetyenziswa kwisichumisi okanye emgqubeni
- I-Barium sulfate, isetyenziswa xa kuthathwa igesi ngendlela okusilwa ngayo ukutya esiswini.
- I-Cobalt(II) sulfate, isetyenziswa ekwenzeni ibala lezinto ezinobom okanye eziphefumlayo.
- I-Copper(II) sulfate, isetyenziswa xa kubulawa i-algae
- I-Chromium sulfate, isetyenziselwa ukwenza i-chrome alum
- I-Iron(II) sulfate, isetyenziswa kwi-reduction
- I-Iron(III) sulfate, inqabile
- I-Lead(II) sulfate, yilanti imhlophe iqinileyo kwincindi yesiciko see-batteries
- I-Manganese(II) sulfate, isetyenziswa xa kugalelwa i-manganese emhlabeni
- I-Nickel(II) sulfate, isetyenziselwa ukwenza ii-nickel compounds
- I-Sodium bisulfate, isetyenziswa xa kusehliswa i-pH
- I-Sodium sulfate, isetyenziswa kwizicoci okanye kwizinto ezikhucula ukungcola nasekwenzeni amaphepha.
- I-Thallium(I) sulfate, ayinambala ayinavumba ayinancasa kwaye iyingozi kakhulu kuba iyityhefu.
- I-Tin(II) sulfate, isetyenziswa ukwenza izinto ezenza ezinye iinkonkxa
- I-Zinc sulfate, isetyenziswa ekwenzeni ibala kwizinto ezinobom okanye eziphefumlayo.
Ezinye ii-sulfur compounds
- I-Sulfur(I) compounds
- I-Sulfur(I) chloride, yinto engamanzi atyheli.
- I-Sulfur(II) compounds
- I-Sulfur(II) chloride, yinto enevumba nengamanzi abomvu
- I-Sulfur(III) compounds
- I-Disulfur dinitride, yinto eligaqa elingenambala
- I-Tetrasulfur tetranitride, yinto eligaqa embala we-orenji
- I-Sulfur(IV) compounds
- I-Sulfur tetrafluoride, yi-gas eyityhefu nengenambala
- I-Sulfur(V) compounds
- DI-Disulfur decafluoride, yinto engamanzi ayityhefu
- I-sulfur(VI) compounds
- I-sulfur hexafluoride, yigas enzima engenambala
Ukwenzeka nokulungiswa kwayo
I-Sulfur ingafumaneka emhlabeni kufuphi nee-volcanoes. Ii-minerals ezininzi zinee-sulfur ions. Amalahle ane-sulfur ions ezivela xa esitsha. I-Hydrogen sulfide ne-sulfur dioxide zezinye ii-sulfur compounds ezithi zikhutshwe xa esitsha amalahle. Zenziwa ukuba zisebenze ukuze kwenzeke i-sulphur. Xa isemhlabeni i-sulphur, iyanyibilika, ize ityhalwe ngamandla inyuke ngemibhobho ngenxa yomoya oza ngoxinzelelo othi uminxane kule mibhobho.
Imisebenzi
I-Sulfur idla ngokusetyenziswa kumgubo wompu, kumachiza, nakwimatshisi. Imatshisi ikhupha i-sulfur dioxide xa ivutha, itsho ikhuphe ivumba layo. I-Sulphur iyinto ebalulekileyo kwii-cells eziphilayo. Ii-proteins ezininzi zine-sulfur. Ikwasetyenziswa nje nge- pesticide kwiifama ezi-organic.
I-Etymology
Umgubo we-sulphur kuthiwa yashiyeka emva kokuba kwenzeke umntu ongaphezu kwendalo le siyibonayo.
Ubungozi nokhuseleko
I-Sulphur ayinabungozi, kodwa ii-chemical compounds ezenzeka xa isulphur ivutha okanye isitsha zinganobungozi obukhulu. I-Sulfuric acid, umzekelo, ingalijika ibala lephepha libemnyama!
Imbali
Igama lakudala ebekubizwa ngalo i-sulphur lithi brimstone. I-Sulphur yayisetyenziswa kwi-fumigation (ukwenza ii-fumes) kunye namachiza kwisiGrike sakudala. Ngo-1777, u-Antoine Lavosier wabonisana noo-soscience okokuba i-sulphur kwakuyi-element.
Amaphepha azalana nala
- I-Periodic table
- Uludwe lwee-elements ezixhaphakileyo
- Ii-compounds ze-Sulphur